Abafana ababini baza kuchitha iminyaka emihlanu entolongweni ngenxa yokudlwengula nokuxhaphaza ngokwesondo amantombazana amabini.
Amakhwenkwe amabini ababeneminyaka eli16 ubudala ngethuba esenza esi senzo solwaphulomthetho esimanyumnyezi agwetywe iminyaka emihlanu ngokudlwengula nokuxhaphazwa ngokwesondo amantombazana amabini aneminyaka eyi10 ne11 leminyaka ubudala yinkundla yengingqi yaseColesberg ngoLwesibini wale veki.
Ngokwengxelo kaColonel Cherelle Ehlers, ngeCawe, umhla we12 kweyoMdumba 2023, iqela labantwana lalidlala ethafeni elikufutshane nendawo yokulahla inkunkuma eColesberg. Aba batyholwa babini bafika babagxotha abantwana, ngaphandle kwamaxhoba amabini.
“Bawaxhaphaza ngokwesondo la mantombazana baza bawadlwengula. Bobabini abatyholwa bebeneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ubudala ngexesha lesi sehlo. La mantombazana aye abika emapoliseni, ze emva koko abatyholwa babanjwa,” utshilo uEhlers.
Ingxelo ithi omnye wabatyholwa ugwetywe iminyaka emihlanu ethothoza entolongweni ngokudlwengula kunye nokuxhaphaza ngokwesondo. Ngelixa omnye umtyholwa egwetywe iminyaka emihlanu ethothoza entolongweni ngokudlwengula. Bobabini babhengezwe njengabangafanelekanga ukuba babe nemipu.
Umcuphi uSergeant Willy Isaacs wecandelo elijongene nobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana nolwaphulomthetho ngokwesondo eDe Aar, ukhokele uphando waqinisekisa ukuba abarhanelwa bayagwetywa.
Uluntu luyabongozwa ukuba luqhagamshelane namapolisa kwaye luchaze ulwaphulomthetho ngokusebenzisa iMySAPS App okanye batsalele umnxeba kwinombolo yeCrime Stop ethi 0860010111.
Related Topics: